Umyalezo ovela kooBhishophu phambi konyulo lonyaka ka2009
Vukani! Vukani! Khuselani ulawulo lwethu lwentando yeninzi
17 February 2009
Bazalwane nooDade kuKrestu,
Emva kweminyaka elishumi elinesihlanu yolawulo lwentando yeninzi, sizakuphinda kwakhona sithabathe inxaxheba kulonyulo lorhulumente omtsha. Ukususela kummangaliso wonyulo luka 1994 apho uThixo wabonakalisa ukuva imithandazo yethu xa sasicela ukuba kubekho uxolo kweli, luthomalele ngoku uchulumanco lokupheliswa ko calu-calulo nolokuba nenyhweba yokuvota okokuqala.uMzantsi Afrika uya ukhula kwindlela yolawulo lwentando yeninzi, nazo zonke indidi zeengxoxo ezivusa umnyele, ukungquzulana ngezimvo nosunduzwano ngenxa yezikhundla.
Imiceli-mngeni eqatseleyo
Njengesizwe siye saba nenkqubela phambili kule minyaka idlulileyo. Siyambulela ke uThixo ngeenkokheli ezilumkileyo nezingengabo oohlohlesakhe, neziye zasinceda ukuze sifikelele kweli nqanaba. Kusenjalo, sonke sisaxhalabile ngenxa yemiceli-mngeni esisajongene nayo. Siyazi ukuba akuzukubakho zisombululo zilula kwiingxaki ezifana nezi:
- Indlala, ukukhula komsantsa phakathi kwabo bangathathi-ntweni kwakunye nezinhanha, ukunyuka kwamaxabiso, ukunqongophala kwengqesho;
- Ukunqongophala kwezindlu, iinkonzo zoluntu, kunye nokufikelela kweenkonzo eluntwini;
- Uqhekeko lweentsapho, ukwanda koburhalarhume emakhayeni, nokukhulelwa komthinjane;
- Uxhaphazo ngokwesondo, ubunxila nokuzingxala ngeziyobisi;
- Ukuxhaphaka koqhomfo;
- Ukunyuka kwezinga lobundlobongela nobugebenga kwakunye necandelo lezobulungisa elizizilizayo neliye loyisakale maxawambi;
- Ukuqhokrwa amadolo kwamalungu esizwe ebemele komeleza ulawulo lwethu lwentando yeninzi (umz. Iziko losasazo leli (SABC) neenkundla zamatyala;
- Ukunwenwa kwentsholongwane nesifo ugawulayo kwakunye nentsinda badala yabantwana abangamaxoba nabasesichengeni ngenxa yoko;
- Izinga eliphantsi lemfundo kawonke-wonke kwakunye nokugxalathelana kweendwadunge zangaphandle nabaphambukeli okudala izixholoxholo nexanasi lobuzwe.
Ezi ngxaki sezikhankanyiwe nezinye, zingumceli-mngeni nakuwuphi na urhulumente, elowo nalowo kuthi unexanduva lokuhlolisisa okokuba nguwuphina umbutho wezepolitiki onemigomo nokuzimisela okubonakalisa ukuba ungaba nokuzisombulula ezi ngxaki. Kubalulekile ukuba imigomo yombutho ngamnye ivavanywe ngokwemiqathango efumaneka kwiiNdaba eziLungileyo efana nokukhuthazwa kokuhlonitshwa kobom, isidima nexabiso lobuntu kwakunye nobulungisa ngokuphathelene nale miba ingentla.
Njengoko sijongene nonyulo, singooBhishophu benu sithanda ukwabelana nani ngenxalabo eninayo ngolawulo lwethu lwentando yeninzi olusakhasayo, nendlela ekumele lukhangeleke ngayo. Noxa zininzi izinto ezintle neengxoxo eziphilileyo ngolawulo lwentando yeninzi, siyazi ukuba ikhona nemikhuba elungciphekisayo olu lawulo. Amashwangusha aye alandela unyulo kwelase Kenya nelase Zimbabwe kunyaka ka2008 asikhumbuza ukuba, noxa iimeko zamazwe ethu zahlukile, asinakuhlala nje, sigoxe, nokuba ukukhusela ulawulo lwentando yeninzi olusulungekileyo ngumceli-mngeni osoloko uthe gqolo ukusijamela.
Yintoni kanye le sifanelwe kuyilumkela?
1. Masilumkele ukuthembeka okumfamekileyo
Kufuneka silumkele ukonyula umbutho ngenxa yesiqhelo (ukuthi mhlawumbi ‘Umbutho wam nguwo nokuba sekumnyam’ entla’)wonke ummi weli lizwe kumele azibuze ukuba umbutho ebekade ewuxhasa wenza umahluko kusini na kwinkqubela phambili yabantu bakuthi. Xa sinokulandela umzekelo kaYesu wokuthembeka eVangelini kaMarko 3:35, kumele sithembeke kuluntu lwezwe lakowethu kuqala kuye empumelelweni yezwe lethu liphela, hayi umbutho othile okanye inkokheli ethile. “Abo bayenzayo intando kaBawo, ngabantakwethu, oodade wethu kunye noMa.” Akukho nto ityhulu ngokutshintsha umbutho, eneneni kuyimfuneko ukuba sifuna ukugcina ulawulo lwentando yeninzi lunomtssalane yaye luphilile. Kufuneka sikhumbule ukuba kulawulo lwentando yeninzi asinakukhetha ubani ngenxa yobuhlanga okanye intetho yakhe koko kumele sikhangele imigomo nemo yemibutho eyahlukeneyo.
2. Masilumkele ukunganyamezelani nogrogriso
Inkululeko yentetho ayiniki bani ilungelo lokuthetha nanjanina ngabanye abantu. Ngoko ke kumele siyilumkele into yokuthetha ngendlela ezakoyikisa abanye ize ikhokelele ekucinezelweni kwenkululeko yabo. Izenzo ezilolohlobo ziquka ukunganyamezeli nokungahloniphi izimvo neenkolelo zabanye abantu, kwakunye nokunyanzelisa ukuba makuvotwe ngendlela ethile. Encwadini kaLuka 6:35 sikhunjuzwa ukuba “sizithande iintshaba zethu sense okuhle kuzo”. Kuloko ke ukusetyenziswa kwentetho erhabaxa nosongelwano zingamkelekanga kwaphela; lowo sikhuphisana naye kurhulumente wentando yeninzi, ngokwahlukileyo kowengcinezelo, asilo tshaba lumele kubhangiswa, koko ngumntu endikhuphisana naye, endicela umngeni ukuze ndizigocagoce kwindlela yokwenza kwam.
3. Masilumkele ubuqhophololo
Ubuqhophololo (oku kuquka ukuqeshisa izalamane nezihlobo zethu) buyaziphanzisa iinzuzo zokuzabalazela ubulungisa. Bushiya abantu beziva bekhohlisekile, bephelelwa ngamandla nalithemba. Oku kudodobalisa ukuthabatha kwabo inxaxheba kudodobalise nomoya wolawulo lwentando yeninzi. Sisonke simelwe kufuna iimpendulo nomoya wobukhonzi kwiinkokheli zethu kumanqanaba onke, kusetyenziswe kangangoko onke amacandelo alwa nobuqhophololo ekuhlaleni. Ngelishwa, uninzi lwabantu lumadol’ anzima ekulweni ubuqhophololo ngenxa yokuba nabo ngokwabo baye bazibone benqwenele ukuxhamla kwiindlela ezithile zobuqhophololo- nokuba kungeendledlana ezincinci ezifana nokucela inyoba kubahlobo abasezikhundleni nokubaleka irhafu. Kumele silwe nokuhendeka bubuqhophololo thina kuqala, njengoko sifunda kuMatewu 7:5: “Khupha kuqala uqadi okwelakho iliso wandule ukuqiqa isibi esisesweni lomzalwane wakho”.
4. Masilumkele ukungenzi-nto
Kulawulo olululo lwentando yeninzi wonke ummi unoxanduva lokuthatha inxaxheba nolokusela iso yonke imiba maxa onke- hayi ngexesha lonyulo kuphela. Nangona kunjalo, abanye bethu abenzi nto ngenxeni yokuba baziva bengenagunya lokuzisa utshintsho. Le meko izisa imeko yoxhomekeko, apho siye silinde urhulumente enze yonke into. Xa abemi beyeka ukuthabatha inxaxheba, bengazihluphi ngokuya kuvota, abo basemagunyeni bafumana imvume yokwenza unothanda bengenaxhala lakubhukuqwa. Njengoko sikhunjuzwa kuMatewu 7:21; “Asingabo bonke abathi kum, ‘Nkosi, Nkosi’ abayakungena ebukumkanini bamazulu”. Masizimisele ke ngoko ukwakha ilizwe nolawulo lwentando yeninzi kunye, sense iinzame zokuzibandakanya ngendlela enokunika ithemba kwabo basalindele ikamva elingcono.
Indima yethu maKrestu
SingamaKrestu sibizelwe ukusebenzisana nabo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuze siqinisekise ukukhula nokomelela kwemiqathango yolawulo lwentando yeninzi. Sikholelwa ukuba uYesu Krestu usibonisa indlela eya ebomini obupheleleyo. Ngoko ke, emoyeni wakhe, kwelixesha lonyulo sibizelwe ukucingisisa ngezi mfuno zokholo lwethu:
1. Kumele sigqamise imiba engundoqo yeMfundiso yeNtlalo-ntle yeTyalike eKatolike equka:
a. Ukuhlonitshwa kobom nesidma sobuntu
b. Uxanduva ngezentlalo-ntle nokulungele isininzi.
c. Ukwebelana ngobutyebi nendyebo ngobulungisa
d. Ukubaluleka kokuthabatha inxaxheba; kunye
e. Novelwano nentsebanziswano kunye namahlwempu namakheswa.
2. Kumele sizisele iso iintswelo zamahlwempu nezamakheswa sizibeke phezulu kuluhlu lwezinto.;
3. Kumele sibe nesibindi sokumela iinkolelo zethu phambi kwabahlobo bethu, oogxa bethu emsebenzini kunye nabamelwane bethu, nakwindibano zethu zezepolitiki; kodwa sibonakalise ukuzihlonipha izimvo zabanye, silindele ukufunda kuzo.
4. Kumele sigqamise indlela efanelekileyo yokuziphatha yosapho neyobuntu ngokulwa ukuzicingela nokunyoluka.
5. Masigqamise intlonipho kwingalo yomthetho, sifune ukuba neenkokheli zepolitiki zethu zenjenjalo;
6. Masiphaphame ekulwiseni yonke into egrogrisa ulawulo lwethu lwentando yeninzi.
Sibizelwa eMthandazweni
Ekuncedisaneni nathi ukuphumeza igalelo lethu njengamaKrestu, sicela onke amabandla aqalise umlindo ngomthandazo ukususela ngoku de kube lunyulo. Sikwacela ukuba kumaDini eMisa ngeli xesha kubandakanywe lomthandazo ulandelayo okanye ofana nawo kwizicelo zebandla:
“Nkosi, sithandazela ukuba unyulo oluzayo lungazisa ukomelela kolawulo lwentando yeninzi, nokuba thina njengabemi beli, senze iimfanelo zethu, sibe noxanduva sikwahlonipha namalungelo abanye. Kwanga oko sikukhethayo kungaba kokuzisa ithemba kumahlwempu, ubumbano lwesizwe, nekamva eliqaqambileyo neliqinisekileyo labantwana bethu.”
Siyathemba ukuba lemithandazo izakusithundezela ekwenzeni igalelo elithile, ukuze iTyalike ibe yimbumboniselo ezisa ubulungisa noxolo ezweni lakowethu.
Wanga uThixo angayisikelela iAfrika.
Archbishopu Buti Tlhagale OMI
UMongameli
woBishopu BaseMzantsi Afrika
To download the pdf format of this letter, click here
To download the "Reflections for small groups" in Xhosa, click here
To read this letter in English, click here
To read this letter in Afrikaans, click here
To read this letter in Zulu, click here
To read this letter in Sotho, click here
To read this letter in Setswana, click here
To read this letter in Sepedi, click here
To read this letter in Portuguese, click here
Last Updated on Wednesday, 18 February 2009 17:06








